Ubuchule bokwenza iWikipedia ekhonza uluntu kwihlabathi jikelele
iyasikhuthaza ukuba sizame ukuphuhlisa ulwimi lwesiXhosa ngokwakha
iXhosapedia. Uluntu oluthetha isiXhosa luthe saa kwihlabathi liphela
nangona uninzi lwethu luqukene eMzantsi-Afrika, ikakhulu kwiPhondo
iMpuma-Kapa. Siyanimema nonke, mawethu, thathani inxaxheba ekwakheni
isiXhosa kwelinxiwa siliphiwa kulo mqulu iWikipedia. Ukwenza njalo
kuyakukhuthaza uluntu kwihlabathi jikelele ukuba lufunde ulwimi
lwesiXhosa, nto leyo eyakukhuthaza udlelwano nezizwe ngezizwe
rhwelele. Lonto ithetha ukuba inkqubela yoMzantsi-Afrika ixhomekeke
kwimigudu esiyenzayo ukukhusela iilwimi zabantu abamnyama ukuze
zityenziswe banzi kwezo rhwebo nombangazwe nakwamanye
amaphulo. Ngamafutshane masithi lo singawo umba apha ume ngoluhlobo:
AmaXhosa ngabantu abayithandayo into entle, abantu abakholelwayo
kukuhlalisana kakuhle nabanye abantu (bezinye iintlanga
nezizwe). Isizwe samaXhosa njengazo zonke izizwe zaseAfrika zikholelwa
kakhulu kwizinto zomoya, ubomi obuphilwa ngaba bantu busekelezelwe
kwizinto zomoya. Umz: aba bantu bakholelwa ekuthini ukuze baphile
ubomi obububo kufuneka bakholise uMdali wabo, uQamata.
Abukho ubomi obunokubasa empumelelweni eyiyo bengathanga banqule kuye
uQamata abangamboniyo ngeliso lenyama. Kuthi kwakuvisiswana naye
uQamata baphile ngokholo lokuba zonke izinto ziza kuhamba kutghg
kakuhle, amathamsanqa aza kubalandela ze wona amashwa awagxothe
uQamata phakathi kwabo. Eli candelo lisaphuhliswa. Ungatyhafi, uphinde
ubuye kwamsinya. Ukuba unanto ithile ufuna ndikubekele apha, yithumele
kum nge-email uyenze ibe yi-word attachment. mna ndiza kuyibhala apha
ngolo hlobo uyithumele ngalo so ndiyakubongoza bhala kakuhle
uyilungise imbalelwano yakho. I-email yam ithi:
